

IBjatladi High Choir , ephume kwindawo yesibini kwiNorthern Province Omo Choir Challenge Regional Finals ifotwe icula ingoma yayo yakwaNtu.

Ikwayala
enxibe
ezakwaNtu
icula
kwiOmo
Choir Challenge .





UMnu. Mabunda, umbhexeshi wekwayala yaseRisinga High eNorthern Province , wamkela iR3 000 ngokugqwesa kwekwayala yakhe kukhuphiswano lweengingqi.
uya kuthetha ngomgangatho weekwayala ezikhuphisanayo nangencilela ekugwetywa ngayo.
UMnu. P. Qwabe, ongumqambi wengoma ekukhutshiswana ngayo nomgwebi kukhuphiswano lweengingqi, uthi: Eyona nto imnandi ekubhaleni ingoma ngamazwi ayo. Xa ndandicelwa ukuba ndiqambe ingoma eziza kukhuphisana ngayo iikwayala, ndaxelelwa ukuba ndingawulibali umgangatho weOmo nokuba ndifake amazwi athi -Owona mgubo wokuhlamba ophambili eAfrika eculweni
lam.
Kubalulekile ukuba ikwayala iyigcine i-key kuba yeyona yenza ubuve ubumnandi beli culo. Phofu ke umntu ongumgwebi kulo kufuneka abe nengqondo ephangaleleyo. Kaloku iculo linokuculwa ngeendlela ezahlukeneyo, utshilo uMnu. Qwabe ngokuba ngumgwebi kukhuphiswano lweekwayala.
I-Omo Choir Challenge idibanisa uluntu, iintsapho nabahlobo bakhe unxulumano nobuhlobo obuluqilima,

UMnu. Sibiya ubhexesha iLovungwa High School kukhuphiswano lwengingqi kweOmo Choir Challenge ka-1996. Esi sikolo sazuza i-R3 000 .


Ikwayala etsho ngesinxibo sakwaNtu esimibala-bala ilindele ukucula kwiOmo Choir Challenge yanyakenye.




ikwayala inika abantu ukudla kwendlebe kwiOmo Choir Challenge .


Olu khuphiswano lwaqala ngoJulayi , xa ikwayala bezikhuphisana ezikolweni nakwiiholo zecawe. Ikwayala nganye
icula ingoma yakwaNtu, ingoma eyiqambe ngokwayo ngeOmo kunye nengoma ebekiweyo ezikhuphisana ngayo zonke iikwayala.
Iikwayala ezigqwese apho zizuza ibhaso eliyimali nethuba lokucula kukhuphiswano lwenyanga. Iikwayala ezigqwese kukhuphiswano lwenyanga zizuza i-R1 000 nethuba lokucula kukhuphiswano lweengingqi. Ikwayala ephumelele kukhuphiswano lweengingqi ifumana i-R3 000 , ephume kwindawo yesibini ifumane i-R2 000 , ize ephume kwindawo yesithathu ifumane i-R1 000 .
Iikwayala ezintandathu ziza kukhuphisana kwifayinali zelizwe eJohannesburg City Hall . Abagwebi kolu khuphiswano ngabantu abangakhethi cala abamele iingingqi ezintandathu. Umgwebi omkhulu, uNjingalwazi Reed , oyiNtloko yeCandelo loMculo eUnisa ,
Abagwebi, uMnu. Tlou, oyiGrant Manager eMpumalanga; uMnu. Mandlazi, onguMcebisi woMculo eMpumalanga; uMnu. Qwabe, uMgwebi Omkhulu noMqambi wengoma ekukhutshiswana ngayo, bathetha ngokucula kweeyala ukuze bafikelele kwisigqibo sokuba yiyiphi egqwesileyo.


ngoko ikwayala nganye inabantu abalandela inkqubela yayo ngomdla nangeqhayiya. Kuyavuyisa ukubona umgangatho weekwayala unyuka yonke iminyaka yaye siyakholwa ukuba ngokwenza ukhuphiswano olunje senza igalelo elibalulekileyo eluntwini olungabaxhasi abathembekileyo beOmo, utshilo uKlein elokuqwela.
Iziphumo zeOmo Choir Challenge ziya kukhutshwa kwiBona yeenyanga ezizayo. 








* Ukuba uceba ukuzirilekhsa iinwele zakho, zama iSoft 'n Free Regular okanye iSuper Creme Relaxer ukuze zithambe. zikameke lula iinwele zakho. Yenza ngokwemiyalelo ekwibhotile yayo, ungaphazami.

* ISoft 'n Free Neutralizing Conditioning Shampoo ikhupha onke amachiza ashiyekileyo ilungelelanise i-pH ezinweleni zakho, ingakhange ibe izishiye ziqinile.

Ukukhusela iinwele zakho ekomeni nasekophukeni, sebenzisa iSoft 'n Free Oil Moisturizer , eyongeza ukumenyezela kweenwele zakho.

* Zinike iinwele zakho uhoyo ngeRespond
Curl Activator , eneeProthini zendalo
ezizigcina zifumile.
* ICurl Moisturizing Spray ineJojoba Oil , engena ezinweleni iphucule ubume bazo izimenyezelise, izenze kube lula ukuzilungisa ngendlela othanda ngayo.

* ISoft 'n Free Gel Activator ivuselela izaphothe ingazenzanga ncangathi iinwele.
Ngoku iinwele zakho zintle, ngenxa yeSoft 'n Free , kwaye ngoku masiye ebusweni bakho:

* Bucoce, ubenze bufane konke yaye ubufumise ubuso bakho ngaphambi kokuba uqabe
imake-up . Iimveliso zakwaFlori Roberts zeEverything Skincare zenziwe yingcali yobuso eNtsundu yaseMerika ukulungiselela abantu abanebala elintsundu. I-Alpha Melani ekwiimveliso zobuso inceda ekwenzeni ulusu lwakho lubukeke lulutsha, lufana konke.
* iDermablend Cover Creme engangenwayo ngamanzi igquma onke amabala angafunekiyo ilwenze lube luhle ngokugqibeleleyo ulusu lwakho. iDermablend inemibala elungele ulusu lwakho. Sisebenzise iChroma 5 kwimodeli yethu nehambelana nebala lakhe.
Ungathanda ukuba yiClere Girl Of The Year ...kodwa ufuna ukuzilungisa ngaphambi kokuba uthumele ezoo foto zibalulekileyo. AbakwaSoft n Free nabakwaFlori Roberts -. abaza kulungisa iinwele nobuso babaphumeleleyo unyaka wonke - bakucebisa oku:
Cover Creme neDermablend Setting Powder . Lo mgutyana umenyezelayo ongenabala ukwenza uhlale umhle ixesha elide, ube ngathi unobuhle bendalo.

* IFlori Roberts inee-eye-shadows ezikhupha ubume bamehlo. Sisebenzise iTrio #3, enendawo egolide neminye imibala emibini orust notshokholethi wokuqabe kwiinkophe.

* imilebe siyiqaqambise ngeMocha lip liner pencil . Sisebenzise iilipstick yakwaFlori Roberts eBrown Sugar kwesinazo zeEspresso ezimibala-bala neziphenjelelwe yimibala efudumeleyo ehlasimlisayo yeko Amathambo ezidlele siwalungise ngeFlori Roberts Radiance Blush - eNatural Brown

Ngoku, ugqibile ukuzilungisa ubuhle, uyeyona ntombazana ibalaseleyo kwaye ukulungele ukungenela ukhuphiswano lweClere Girl Of The Year ! Umcebisi
wakwaFlori Roberts / Dermablend okwa-Edgars okanye kwa-John
Orr uya kukonwabela
ukukunceda uphumelele ukhuphiswano LweClere Girl The Year .






UVirginia Thebe ulushiyele Iincwadi zeresiphi yenyama uluntu lwaseNsikazi.

Yity' ukutya
Okusemgangathweni
Ukuze Ube nekamva
Eliqaqambileyo.
Kwindibano yeRAMA /BONA Womens Club
ebibanjelwe eNsikazi, eMpumalanga kutshanje, kugxininiswe ekubeni abantwana bafanele batye
ukutya okusempilweni ukuze bakhule
ngokufanekileyo.
UVeronica Mkari ubenzele i-Steamed Pudding
abebezimasile.


KUTHIWA ungawudeleli umqulu wesilika ungazibalanga iiyadi ,
kwaye oko kubonakale kuyinyaniso kule ndibano yakutshanje. Isithethi sembeko, UVirginia Busisiwe Malope, linenekazi elinolwazi namava kwimpilo yabantwana nakwimpilo ngokubanzi.
Ukuba sempilweni kumenza umntu abe nengqondo nomzimba owomeleleyo. Abantwana ingakumbi kufuneka babe nemizimba neenwele ezomeleleyo, amehlo abukhali, amazinyo omeleleyo nobunzima obu-lingeneyo.
Xa sisithi umntwana wakho usempilweni, kufuneka ezi zinto ndizichazileyo zibe sempilweni. Njani? Masikhumbule ukuba impilo
Isithethi sembeko, UVirginia Busisiwe Malope uthe: Kufuneka ube nomzimba nengqondo eyomeleleyo ukuqinisekisa ukuba usempilweni.


yethu ixhomekeke ekutyeni esikutyayo, utshilo UVirginia Malope.
Ubalule ukutya okunika amandla; okwakha imizimba nokukhuselayo njengemizekelo yokutya okwakha imizimba neengqondo ezomeleleyo.
Umphathi-theko, uCynthia Methule, oyingcali kwezolimo neza-sekhaya uthi:
Ulimo lunendima enkulu ebomini babantu. Konke ukutya okufunwa ngumzimba osempilweni nowomeleleyo.

UVirginia Malope ufumene okubonakalisa umbu lelo kuVeronica Mkari wakwaRama .













































Ulimo lunendima ebaluleke kakhulu ebomini bethu, utshilo uCynthia Methule.

Ababezimase indibano ebibanjelwe eFreeman Bible College kummandla waseNsikazi,
kwiPhondo laseMpumalanga.

leyo, kufumaneka ngokulima.

UVeronica Mkari wakwaRama uthi: Injongo yokukhenketha kwam kukukhuthaza oomama ukuba bamanyane ekuziphuculeni kuluntu abayinxalenye yalo.
Ndikhuthaza oomama ukuba baqale imibutho yabo abaza kubandakanya kuyo uluntu lweengingqi zabo. Singanako ukufundisana kule mibutho sincedane kubomi bemihla ngemihla.
Kwenziwa nemiboniso yokufundisa oomama ngendlela eyiyo yokusebenzisa iimveliso ezithile, uchazile.
Kubalulekile ukuba umama azimase iindibano zoluntu nanjengoko zikhuthaza inkqubela yomntu ngamnye.
UVeronica ubonise indlela yokupheka enye yeeresiphi zakhe, iSteamed Pudding neSoya Mince eninzi. UDeliwe Malaza wakwaLever Ponds noJosephine Nonkonyane wakwa purity nabo babonise ngeemveliso zabo.



		BONA XHOSA - November 1996 65

	* Siphinde sasebenzisa iDermablend 72 BONA XOHSA AbakwaSoft 'n Free NakwaFlori Robert

	kubalise kwafota uBONGANI HLATSHWAYO

		BONA XHOSA - November 1996 75

